Phofu ke, iinkumbulo endinazo ndisemncinane kukufunda ngendlela ezesondo ezisebenza ngayo, kuba akuyomfihlo.
Kodwa ke umsebenzi wakhe usemagqabini. Emva kokuphumelela kweefilim ezinjengale ethi The Flintstones, ethi Boomerang nethi Bulworth, uHaIIe uzimisele ukuzibalula njengenenekazi lokwenyani kwethi The Dorothy Dandridge Story, emva kokuba kwesi sikhundla adlala kuso xa kwakukhethwa koyisakala uJanet Jackson noWhitney Houston.
UHalle uvuya nyhani akudlala
kwindawo yemvumi ebalaseleyo.
Mna ungaphazami andiyomvumi, kodwa kukho izifundo endizenzileyo ndaza ndangena kakuhle kwesi sikhundla. Ndenze uphando olunzulu ngobomi bukaDorothy ndibukela iividiyo, ndiphulaphula umculo wakhe ndithetha nabantu abasaphilayo nabamaziyo abafana nomthungi weelokhwe, abahtobo bakhe namalungu osapho lwakhe.
Ngathi ubomi bakhe abudilikanga, ikhaya IikaHalle abelinqwenela nalo latshintsha kulandela iziganeko apho wafumana nje imigruzuko kuphela.
UHalle wawa kwizinyuko kumzi wakhe oseManhattan xa wayesiya kwifilim ethi Bulworth waza wophuka umlenze. Kwathi esabhala umzimba kumanzi anogwebu oluninzi nawayengqongwe ngamakhandlela, weva kukho okuqhuqhumbayo -kwathi kanti iinwele zakhe ziyatsha!
Nakuba ekulangazelela kangaka ukumbhaqa angancuma naye uHalle uthi hayi sokuze ayithathe iplastic surgery.
Mvanje uyazi imagazini yandicukuceza ngathi ndingugqadambekweni kodwa bathatha ifoto yam xa ndandimde nge-5ft 2 inch ndinobunzima obuyi-140 pounds, nasebusweni ndityebile. Okumangalisayo andisenjalo kwaye ndahluke kakhulu. Ncliyakubona oku kodwa andisoze ndakulungisa kuba mna ndiyazazi ukuba ndingubani. Ndiyabavela abasetyhini abakhawuleza baguge besemi kakuhle. Abo banobuso bonama-60 baze bafune ukubutshintsha bubukeke okonama-30, uthixo abasikelele, kodwa ikho into engalunganga ngako oko.
Okwangoku kukho umfo omnye jwi ozimisela ukuchitha ixesha noHalle -uyise ozimisele ukulungisa ulwalamano lwabo phambi kokuba asweteke. Unedumbe.
Phezu kwelo dumasi lingako lokuba ulinenekazi elixakayo, hayi ke wethu ungakhohliswa, ungumntu wabantu, yindlezane - ngumdlali kwiifilim othandekayo. 
Ndiyamthaba Leliphi 
U
 MHLA wokutshata wabantu esincokole nabo yeyona mini iya
kusoloko ikhumbuleka ebomini babo. Le yimini abavakalisa indlela abathandana ngayo de bohlulwe kukufa.
Imitshato yabo yayingafani nanjengoko zingafani izinto abazithandayo ebomini. UMashwabada noNoxolo Grootboom babeselula bedumbe iintloko kukuthandana kangangokuba abazange bakhathale nokuba awumkhulwanga umtshato wabo. Ngoko ezab izifungo zomtshato bazenza kwamantyi.
Xa ndikhumbula umhla esatshata
ngawo wama-28 kuMeyi ka-1985,
andizisoli, utsho uNoxolo.
Kwakusemva kweminyaka emihlanu abazali bam bohlukene sihlala kwigumbi eliqeshiweyo eSoweto, sisazama ukubuyisela ubomi bethu kwimeko yesiqhelo.
Sasingenawamandla
okwenzumtshatomhlophe, ngoko saneliswa nomyeni wam kukuba sitshate kwamantyi siphelekwe ngumhlobo wam osenyongweni nomhlobo wosapho ababengamangqina. Oko kwalandelwa ngumcimbi wokwamkelwa kwam kwaGrootboom apho ndathiywa igama lasemzini kwathiwa ndinguNomthunzi.
Njengoko sasingenako ukwenza okungaphezu koko, eyona nto yayibalulekile kukumanywa liqhina Iomtshato elalisenza sifumane imfudumalo nokhuseleko Iokuthandana - kusenjalo unangoku. Qho oonyana bethu xa bebona iifoto zethu zomtshato, basihleka bathi:
lintsizana ezingumama notata zazihlupheka zingenako nokwenzumtshat omhlophe.
Sinomyeni wam sisoloko sibaphendula ngelithi: Akukho ngxaki kuba sasithandana kwaye nani nibubungqina boko - ngaloo ndleta, sasingahluphekanga.
UJacob Baby Jake Matlala osoloko echeb inkqayi wamangalisa wonk umntu xa wathi gqi ngemini yomtshato wakhe enze i-S-curl entloko. Uthi loo nto yayihlekisa kangangokuba nkqu nomtshakazi kwafuneka emjonge waphindelela ukuqinisekisukuba utshata nomyeni wakhe nhenene na!
OkaBally noAugustine Chuene wawusisihika-hika somtshato wonyaka. Babeziinkumbi kuloAugustine abantu ababezokubukela, nabatsho kwanzima ukungena nokuphumo kumasango elo khaya. Abazali bakhe bavaleleka ngaphakathi ababinako
ukuyokufikelela kwireception apho uyise kwakufanele enze intetho khona.
Abathandi babo babephume ngendlu ukuya emtshatweni kaThemba noSophie Ndaba. Esi sibini sabonana kumdlalo i Generations, saphuma okokuqala njengezithandwa ngevalentines Day ka-1997, mini leyo ikwangumhla wokuzalwa kaThemba.
Ngemini yomtshato wabo uThemba noSophie abasokuze bakulibale ukuxhalaba ababanako xa bafika ecaweni indlu yecawe itshixiwe, umfundisi esihla enyuka efuna izitshixo. Enye ingxaki ababanayo kukulahlekelwa kwabalungisi bokutya ziipleyiti kwaza kwanyanzeleka ukuba iindwendwe zityele kwiipleyiti zephepha!
Umtshakazi kajay Phungo, uEmily wamlindisa ixesha elide uJay ecaweni de wafika selexhalabile. Mhlawumbi uJay wayeselelilibele isiko lesiNtu elingamvumeliyo umtshakazukuba aye engasanyathelemtshatweni kuba kaloku uza kwahlukana nezalamane zakhe aye kuhlala nabantu angabaziyo.
Emva kokuba betshintshe ezomtshato, omnye wabahlobo babo wazama ukubatshiza ngeshampeyini. Babaleka bezimela ngeemoto bephelekwa yintswahla yentsini, kodwa wagqibelebafumene wabatshiza bamanzi tixi.
Zixabiseke kunene kubaninizo ezi foto zomtshato zikhutshwe kula makhasi alandelayo kuba ziziinkumbulo ezimnandi zemini abazimanya ngayo ngeqhina lomtshato. Nangona mtshato ngamnye ungafani nomnye, inye into efana ngayo
-	liqhina lothando eIibamanyayo.
UMashwabada noNoxolo Grootboom ngoku bangabantu abakhulu -banabantwana abathathu - kodwa basathandana njengamhla babetshata. Apha bakunye nontondo wabo, uNokwanda.



UJay noEmily Phungo besandul ukutshata. UJay wamothusa umtshakazi wakhe ngokuthumela enye imoto imphuthume ecaweni kwabe kukho enye eyayiselilindile.
76 BONA XHOSA - February 2000
Luyintoni UTHANDO?

atshatileyo ngawona alungileyo, njengoko enenkathalo eqhele ukupha -hayi ukuthatha.
Siyakonwabela ukuba kunye kwaye andikhathali nokuba sibabini. Ndonwabile kwaye ndiyaneliseka ngoku kunakuqala.


Babengabahlobo ngoku bayathandana
USbu Maya noMumile Nsindane babengabahlobo kudala phambi kokuba bathandane.
Sakhula kunye, utsho uMumlie, kwaye besisoloko singabahlobo. Ndiyazi ukuba akuqhelekanga ukuba nomhlobo osenyongweni wesinye isini, kodwa besisoloko sicinga ngokufanayo.
Besithembene kwaye
besixelelana iimfihlelo zomnye
umntu.
Bekungekudala uSbu ebethuthuzela uMumlie emva kokuba elahlwe sisithandwa sakhe xa esi sibini sabona ukuba.sidalelwe ukuba mnye.
ibingumnqa, utsho uSbu. Asizange sicinge ukuba singaze sithandane, kodwa ndazibona ndifuna ukumncamisa!
ndandingenamandla kodwa zange ndikwazi ukuzibamba kwaye ndandinethemba lokuba naye uziva njalo!
Kwakulungile, kodwa kwangaxesha-nye yayingaqhelekanga, utsho uMumlie. Ndaziva ingathi lifikile ithuba ebekade ndililindele ubomi bam bonke, kodwa ndandingalazi kwade kwafika elo thuba.
Ndandisoyika ingathi ndiza kuphulukana nomhlobo wam, utsho uMumlie, kodwa ubuhlobo bethu bubonakala ngathi busenze sathandana nangakumbi. Khawufane ucinge ukuba nesithandwa
zi ngokupheleleyo.

